yasemini emaqanda kwiRadio Bop eMntla Ntshona de kwaza kuba sekuqaleni kwalo nyaka, xa wayosebenza kwaMetro FM. Uyakuthanda ukusasaza inkqubo yakusasa ngo-9 ukuya emini emaqanda ngenxa yomxholo wayo, kodwa uyamngqinela uMinah Pilane ekubeni asingomabhinqa kuphela amamela unomathotholo ngelo xesha.
Abaphulaphuli bam baquka amadoda namabhinqa.
Kukho inkolelo yokuba abantu bathetha ngokukhululekileyo ngeengxaki zabo nebhinqa, yaye loo nto ifanele iphele.
Kufanele kubekho uphando ukuze kufunyaniswe obona bunyaniso. Kwelinye icala, andazi ukuba kutheni, umzekelo, akekho amabhinqa asasaza inkqubo yasemalanga.


UNomthunzi Vuza -woMhlobo Wenene
Kwiminyaka elishumi ubesasaza inkqubo yasekuseni kuMhlobo Wenene (owayesakuba yiRadio Xhosa), uNomthunzi Vuza ubone utshintsho olukhulu ekuhlaleni ngenxa yeenkqubo zakhe.
Ngokwesiqhelo ibikade ingamabhinqa ahlala ekhaya ngelixa amadoda abo esebenza nabantwana besesikolweni. Phakathi kwentsimbi yethoba nentsimbi yeshumi elinesibini ibilixesha loku phumla kwibhinqa elingasebenziyo, ngoko ke iinkqubo ezenzelwe amabhinqa bezisasazwa ngelo xesha.
Phofu kule mihla, uninzi
lwamabhinqa luyaphangela -ingakumbi ezidolophini.
UNomthunzi uthi eyona nto imangalisayo kukuba kuthi ngenxa yokuba amabhinqa esazi ukuba unomathotholo uncokola nawo ngelo thuba, axolela ukwenza nantoni na ukuze angaphoswa yile nkqubo.
Ndifumana iingcingo ezininzi ezivela kumabhinqa emsebenzini afuna ukuthabatha inxaxheba kuyo yonke into ekuxoxwa ngayo, utsho uVuza, ohlala eWestering kwihlomela-dolophu laseBhayi. Lo mama ungumhlolokazi onentombi eneminyaka eli-16, egama linguAsanda, uNomthunzi Vuza

20 BONA XHOSA February 2000
ZOSA
owaziwa ngokuba nguMama kamaAsi ngamawaka abaphulaphuli.
linkqubo zakhe, ezijoliswe kubaphulaphuli abangamabhinqa zisasazwa ukusukela ngecala emva kwentsimbi yeshumi ukuya emini emaqanda. Ezi nkqubo nguHlala Ethembeni (ngoMvulo), uMasakhane (ngoLwesibini), Ubuphulaphule na?  (ngoLwesithathu) nethi Imbiza Yaziwa Ngumpheki.
Ngezi nkqubo ndinegalelo endinalo lokutshintsha iimpilo zabantu, utsho anelisekile.
lnxaxheba ethatyathwa ngabaphulaphuli kwinkqubo yakhe yokupheka ngolweziHlanu iyonelisa kakhulu.
Amabhinqa ebendifowunela ebulela ngokubanceda ekuphuculeni imitshato yabo, njengoko befunde ukupheka kamnandi - nto leyo abayeni neentsapho zabo eziyithandayo.
weMunghana Lonene
UConnie Mashaba usasaza iinkqubo ngeenkqubo kuMunghana Lonene, osasaza ngesiTsonga ePietersburg kwiPhondo laseMntla, ngelixa uMashaba ehlala eBushbuckridge.
linkqubo zakhe ziquka umculo, ukudlulisa iminqweno emihle ngeemini zokuzalwa, iinkqubo zoomama, nokudlulisa iminqweno emihle kubantu abagulayo.
UMashaba ubesasaza inkqubo yakusasa ukusukela oko wasebenzela esi sikhululo kwiminyaka emine eyadlulayo kwaye khange achatshazelwe ziinguqu ezenziwe kwaSABC
kunyaka ophelileyo.
Ndanikwa le nkqubo ngenxa
yokuba ndilibhinqa, utsho umama wamakhwenkwe amabini ane-11
nesibhozo seminyaka.
Kodwa ndicinga ukuba
andiyinikwanga nje le nkqubo kuba
UConnie Mashaba -
AMABHINQA ASEBENZA
KWIZIIKHULULO
ZOSASAZO
ndilibhinqa, koko kuba ndinabaphuLaphuli abaninzi, kuquka amabhinqa, amadoda nolutsha, utsho uMashaba.
Ndiyayithanda ngeNxa yobudlelwane endizakhele bona nabaphulaphuli bam. Kubo andingomsasazi nje kuphela -bandithembe kakhulu kangangokuba bathetha nam ngokukhululekiLeyo ngeengxaki zabo.
Ndikwazile ukunceda abantu abaninzi abaneengxaki ezifanayo,
Andikholwa ukuba kukho umntu owandinikale nkqubo kuba ndilibhinqa - ndikholelwa ukuba ndingasasaza nayo nayiphi inkqubo nanini. Nendoda ingayisasaza nayo nayiphi inkqubo yasemini kuba amadoda namabhinqa awumamela naphi unomathotholo, ekhaya nasemsebenzini.


UPhindile GuLe - weY-FM
UPhindile Gule waziwa ngokuba nguPhindi G ngabaphulaphuli benkqubo yakhe, uPleasure Dome, kwiY-FM esona sitishi sikhulu sabucala sengingqi. Ubona ngathi ukusasaza iinkqubo zasekuseni yindlela yokukhuthaza amabhinqa.
Le nto ibonakalisa ukuba amabhinqa anaso isiphatho kubantu
- ukuze wonke umntu azive amkelekile. Amabhinqa abaphatha kakuhle abaphulaphuli.
Uphindi uyavuma ukuba ushishino losasazo lusaphethwe ngamadoda, kodwa uthi akanangxaki ngamabhinqa asasaza iinkqubo zasekuseni.
Ukuphela kwento engandonwabisiyo yeyokuba ndisalindele ukubona ibhinqa elisasaza inkqubo yasematanga okanye inkqubo yakusasa kunomathotholo.
Sifuna ukutshintsha ingqondo siqale sibonakalisa igalelo lethu kwezo nkqubo, utsho umsasazi, obesoloko esebenza ne-Y-FM oko yasekwayo kwiminyaka emibini eyadlulayo.
UPhindi wazalelwa eSoweto emva kokuphumelela izifundo zakhe eCape Technikon, wasebenza njengecomputer programmer eSouth African Airways. Ukwafunda indaba kwiMetro FM ukwasasaza inkqubo yasemalanga kwisikhululo iVoice of Soweto.
Ndichukunyisiwe yintlonipho endiyifumene kubaphulaphuli bam abangamadoda -nkqu kwiveki ezimbini ndiqale ukusasaza le nkqubo.
Xa wanikwa ie nkqubo uPhindi wakubona ilucelo mngeni lokutshintsha iingcinga zokuba yinkqubo yoomama.
Ndiphumelele, kuba uninzi lwabaphulaphuli bam ngamadoda kwaye bazibona beyinxalenye yenkqubo kunye namabhinqa.
UMama Ka Asandt -uNomthunzl Vuza noAsanda oneminyaka eli-16. DEBBIE LOUW









Ukgomotso KG Moeketsi
usasaza inkqubo ethi Kaya FM 
ezinjengokufuna imali yesondlo, utsho. uMashaba...naye.. ongatshatanga.


UDudu Khoza, uVicky Mosuku noThokozane Ndlovu - bokhozi
FM
KuKhozi FM, esona sikhululo sikhulu seli Iizwe, inkqubo yasekuseni ngentsimbi yethoba ukuya emini emaqanda yeyona amabhinqa azibalula kuyo. Isasazwa ngamabhinqa amathathu
- uDudu Khoza (ngoMvulo ukuya ngoLwesithathu), uVicky Masuku (ngoLwesine) noThokozane Ndlovu (ngoLwesihlanu).
Umama oneminyaka engama-33 wamakhwenkwe amabini
aneminyaka emi-2, emi-5 e1i-17, uThokozane waqala ukusebenzela UKhozi kwiminyaka emihlanu edlulileyo.
UKhozi belusoloko iunendima oluyidlalayo ekufundeni amabhinqa eli Iizwe, utshilo ecacisa nokuba abaphulaphuli bakhe baquka onke amabhinqa, kuquka nangasebenziyo, asebenza ekhitshini nafundileyo.
Njengamabhinqa siyazana kwaye siyevana. Sabelana ngezimvo nezinto esithetha ngazo ezijoliswe ekuphuculeni ubomi bamabhinqa, wongeza ngelitshoyo uNdlovu, ongengomvelisi womculo kuphela oKhozini koko ukwayimvumi enesiphiwo ye-opera.


Ukgomotso Moeketsi -wekaya FM
Kwisikhululo sosazo esiseGauteng, iKaya FM, inkqubo yasekuseni isasazwa nguKgomotso KG Moeketsi onama-29 eminyaka. Ufike kwesi sikhululo esuka kwiP4 eThekwini ngoFebruwari ka-1999, ethathe iintambo kuNothemba Madumo njengomsasazi wenkqubo ikaya FM Mid-moming Show.
UMoeketsi, ongumama wentombazana ene-1O leminyaka uDineo, wazalelwa kwilokishi yaseMpuma-Randi KwaThema ngoku uhlala kwihlomela-dolophu faseBuccleuch eJohannesburg.
Uneqhayiya ngomsebenzi wakhe, kodwa ubona ngathi ezosasazo kufanele zitshintshe zibonakalise impilo yangoku.
BONA XHOSA - February 2000 21
Nangona le ntwana
ineentloni
N
 GOXA uninzi lwabelungu abangabahlobo bakhe besithi abasokuze balubeke elokishini, uJackie Oosthuizen onama-26 eminyaka uneminyaka engaphezulu kwelishumi ehlala elokishini. Uyakwazi ukuthetha zonke iilwimi ezithethwa elokishini ahlala kuyo kuquka netsotsi taal yaye ubabalwe ngeentombi ezintathu nomyeni wakhe ontsundu.
Simtyelele emzini wakhe kwilokishi yaseVosloorus ekwimpuma yeJohannesburg. Xa besihleli apho noJackie e.sibalisela ngokuza kuhlala kwakhe elokishini nabantu abantsundu bekuvakala ingoma ebikhalela phantsi kaHugh Masekela. Ndiyayithanda le ngoma ikhalayo, utshilo uJackie esalatha ihi-fi ebikwigumbi ebesikulo. 
ngoku sele ndinexhwele lam - kodwa kona ndisazibona ndingumntu wolunye uhlanga. Ukuba nolusu olumhlophe kwam kwenza ndohluke kwabanye abantu balapha elokishini.
Ubethetha ngesiZulu nangesiTswana aphinde asebenzise namagama ambalwa esitsotsi xa ebechaza iimvakalelo zakhe.
Nokuba ndiluthetha kakuhle kanjani na ulwimi lwesintu, abantu basuka bafune ukuthetha isiNgesi nam. Enye into xa abantu bendibona ndihamba esitratweni bayanyaxana. Yiloo nto endenza ndinqwenele ukuba bendinemali eyaneleyo bendiza kulijika ibala lolusu lwam, ndenze okwenziwa nguMichael Jackson, utshilo uJackie.
UJackie wazifumanela ikhaya elitsha elokishini yabantsundu emva kokuthandana kwakhe nendoda engazange yamkelwe ngabazali bakhe.
Ndenziwa ikheswa lusapho lwasekhaya emva kokuba ndithandane nendoda entsundu. Andizange ndikwenze oko kuba ndifuna ukuthoba isidima okanye ukuxabana nabazali bam ababengabalandeli iAWB, qha ndandimthanda ndingazenzi.
Ndambona ndamthanda, saba ngolo hlobo siqala ukuthandana. Esona sono abandibona ndisenzile abazali bam kukuba ndithandane nomntu ontsundu. Emva koko bathi kufuneka ndikhethe phakathi kwezinto ezimbini - bathi bandikhethe phakathi kwabo nekafula lam.
Ndakhetha umntu endimthandayo -ngenxa yoko usapho lwasekhaya lwandihlamba. Ndahlanjwa ngokupheleleyo emva kokusweleka kukatata ngo-1989. Nguyena mntu wayendikhuthaza ebomini ngendlela eyodwa, kuba wayesoloko endixelela ukuba ndinobomi obunye ngoko ndifanele ndenze into eza kundonwabisa ebomini, utshilo uJackie.
Ukuhlala elokishini kukaJackie kumnike uxolo emphefumlweni. lnto endiyithandayo ebantwini abantsundu kuba abaziphakamisanga yaye bamanyene - oko kwenza umntu ayibone ingxaki yomnye iyeyakhe naye. Ukanti bayabelana nangantoni na abanayo. Eyona nto angayithandiyo uJackie kukubona besanda abantu abantsundu abafuna ukuphila ubomi babelungu.
Abantu abantsundu baphila ngokungathi balusapho olunye kodwa bathi bakufudukela kwiindawo ezihlala abelungu ikakhulu, bafike apho bajike baphile okwabelungu bangabakhathaleli abanye abantu. Oko kuyaphikisana nobubele endibaziyo abanabo abantu abantsundu baselokishini.
Ndakhe ndatyelela umhlobo wam apha elokishini wafika wandazisa kwabanye abamelwane bakhe. Ngelishwa kwakukho umphanga
komnye wabamelwane saze saya sayovelela olo sapho.
Safika apho sancedisa ekuphekeni ukutya okulungiselelwe abantu abeza bazavelela olo sapho. Uyabona ukunceda omnye umntu kundichukumisa kangangakuba xa ndithetha ngako ndiziva ndifikelwa ziinyembezi, utshilo uJackie esosula amehlo.
Phofu ke uJackie akaboni izinto ezimnandi kuphela ngokuhlala elokishini. Ubomi basetokishini bunawo amahla ndinyuka kwabo. Kubakho udushe kwaye ngamanye amaxesha kukho iindawo ekukhe kuthiwe azikhuselekanga, kodwa ubundlobongela yingxaki ekhona ehlabathini jikelele - asiyongxaki yasezilokishini kupheta, utshilo uJackie.
UJackie wakhulela kwifama eseFreyistata yaye umhlobo wakhe wokuqala ontsundu yayilinenekazi elalingumncedisi kowabo, uSetinah Mokoena.
USelinah wandithaya igama lesiSuthu
likaMatsidiso elithetha intuthuzelo. Ndineenkumbuzo ezimnandi zakhe kodwa nangona kunjalo ndisaxakwa ukuba kwakutheni uSelinah wayengavunyelwa ukuba ahlale etafileni nathi xa sisitya, nokuthi kwakutheni ndingavunyelwa ukuba ndidlale nonyana wakhe, uTshepo owayeyintanga yam, ukhumbule watsho uJackie.
Emva koko uye wahleka waza wathi:
Phofu ke eyona nto imnandi kukuba ndiyakwazi ukuthetha njengabantu abantsundu yaye ndiyayazi nendlela elungileyo yokuthetha. Ndikhe ndafowunela eRosebank ndifuna iflethi eyayibhengezwe kwelinye iphepha-ndaba lalapha.
lbhinqa elaphendula ifowuni lalivakala ukuba lingumlungu yaye landixelela ukuba Ioo flethi yeyabelungu kuphela. Andikhange ndizikhathaze nangokulixelela ukuba nam ndingumlungu kuba kwandivuyisa gqitha ukuva ukuba lona licinge ukuba lithetha nomntu ontsundu. 
Ebethwa ngumoya evenkileni -nangona eneminyaka engaphezulu kweshumi ehlala
elokishini,
basekhona abantu
ekunzima
ukumamkela, utsho uJackie.
UJackie
Ousthuizen -othetha isiTswana,
isiZulu nesitsotsi
ukuchaza
iimvakalelo zakhe
-	utyelele
kwaSizwe
(osekunene)
nomhlobo wakhe
uNomsa Kunene
BONA XHOSA - February 2000 23
